Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 64:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ùmkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke?

6. Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzí yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.

7. Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.

8. Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sìsisenzo sesandla sakho, sonke siphela.

9. Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela.

10. Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa.

11. Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele.

12. Ùya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 64