1. Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho,
2. njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho.
3. Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho!
4. Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye.