Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 62:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimisé abagcini; imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka.

7. Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini.

8. UYehova ufungé isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo.

9. Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibutháyo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam.

10. Phumani, phumani ngamasango; gecani indlela yabantu; fumbani, fumbani umendo, ncothulani amatye kuwo; nyusani ibhanile* phezu kwezizwe.

11. Yabona, uYehova uvakalisile wesa eziphelweni zehlabathi, wathi, Yithini kwintombi enguZiyon, Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe únawo, nento ayisebenzileyo iphambi kwakhe.

12. Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova ngokumiselwa; ukubizwa kwakho kuthiwe, ùngofuniweyo, ungumzi ongàshiyiweyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 62