Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 62:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi tu, ngenxa yeYerusalem andiyi kuzola, bude buphume njengokusa ubulungisa bayo, nosindiso lwayo njengesikhuni esidangazelayo;

2. zibubone iintlanga ubulungsia bakho, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Ùya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kaYehova;

3. ube sisithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho.

4. Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile.

5. Njengokuba indodana izeka intombi, oonyana bakho baya kuzeka wena; njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe.

6. Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimisé abagcini; imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka.

7. Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini.

8. UYehova ufungé isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo.

9. Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibutháyo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 62