Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 54:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngokuba zingáde zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova.

11. Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya,* ndikuseka ngeesafire.*

12. Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi,* namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.

13. Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.

14. Ùya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.

15. Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe.

16. Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa.

17. Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni ùya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 54