Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 51:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.

4. Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe.

5. Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembèle kum, zilindèle engalweni yam.

6. Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungàqotywa ubulungisa bam.

7. Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo.

8. Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana.

9. Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade! Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya?

10. Asinguwe na lowa womisa ulwandle, amanzi enzonzobila enkulu; iinzulu zolwandle wazenza indlela yokuwela abahlawulelweyo?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 51