Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 51:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo.

2. Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakùmbiza, ndakùmsikelela, ndakùmandisa.

3. Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.

4. Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe.

5. Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembèle kum, zilindèle engalweni yam.

6. Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungàqotywa ubulungisa bam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 51