Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 49:9-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani.Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke.

10. Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kubethwa sisangá nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo.

11. Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam.

12. Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini.

13. Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.

14. Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala.

15. Umfazi angàlulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna.

16. Ùyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.

17. Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe.

18. Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, ùya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi.

19. Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo — inene, ngoku ùya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.

20. Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndíkhwelele, ndihlale; ùya kuthi entliziyweni yakho,

21. Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na?

22. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile* yam, zibazìse ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa,

23. Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana.

24. Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 49