Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 49:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, ùya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi.

19. Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo — inene, ngoku ùya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.

20. Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndíkhwelele, ndihlale; ùya kuthi entliziyweni yakho,

21. Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na?

22. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile* yam, zibazìse ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa,

23. Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana.

24. Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa?

25. Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.

26. Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yázi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 49