Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:10-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.

11. Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.

12. Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.

13. Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndísebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?

14. Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.

15. Mna, Yehova, ndingoyiNgcwele wenu, uMdali kaSirayeli, uKumkani wenu.

16. Utsho uYehova, umenzi wendlela elwandle, womendo emanzini anamandla;

17. umkhuphi wenqwelo nehashe, wempi nentshatshela; baya kulala bangavuki, bethile, becimile njengomsonto wesibane:

18. utsho ukuthi, Musani ukukhumbula izinto zangaphambili, ningazikhathaleli nezamandulo.

19. Yabonani, ndiya kwenza into entsha, intshule ngoku; aniyi kuyazi na? Inene, ndiya kwenza indlela entlango, nemilambo enkangala.

20. Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam.

21. Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.

22. Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli.

23. Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe.

24. Akundithengelanga kalamo* ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, ùndikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.

25. Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.

26. Ndíkhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.

27. Uyihlo wokuqala wóna, nabalamleli bakho bakreqa kum.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43