Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 42:18-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama.

19. Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova?

20. Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko.

21. UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha.

22. Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.

23. Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abàze indlebe, eve emveni koku?

24. Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, àbawuphulaphula umyalo wakhe?

25. Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, àkakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 42