Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 42:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini.

13. UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe.

14. Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha.

15. Ndobharhisa iintaba neenduli, ndiyitshise yonke imifuno yazo, imilambo ndiyenze iziqithi, ndiwatshise amadike.

16. Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.

17. Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu.

18. Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama.

19. Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova?

20. Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko.

21. UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha.

22. Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.

23. Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abàze indlebe, eve emveni koku?

24. Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, àbawuphulaphula umyalo wakhe?

25. Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, àkakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 42