8. Uyabona, ndiyasibuyisa isithunzi sezinyuko, esehláyo esinyukweni sika-Ahazi ngelanga, ndisibuyisa umva izinyuko ezilishumi. Labuya ke ilanga izinyuko ezilishumi ezinyukweni elibe lihlile ngazo.
9. Umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, oko ebesifa, waza waphila:
10. Ndathi mna, yakubon' ukuba ithe cwaka imihla yam, mandimke ndiye emasangweni elabafileyo;Ndivelelwe, ndayihluthwa eseleyo iminyaka yam.
11. Ndathi, Andiyi kumbona uYa, uYa ezweni labaphilileyo;Andiyi kuba samkhangela umntu, ndikubemi belabangasekhoyo.
12. Umnquba wam uza kuncothulwa, ufuduswe umke kum, njengentente yomalusi;Ndibusongile njengomluki ubomi bam; únditsheca ezintsingeni.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.
13. Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wénjenjalo ukuwaphula onke amathambo am.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.
14. Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza,Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu:Yehova, ndifingekile, ndímele.
15. Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wénza nokwenza?Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.
16. Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu,Bukuzo kanye ubomi bomoya wam:Wòndiphilisa ke, ndídlise ubomi.
17. Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu.Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala;Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.