Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 38:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.

2. UHezekiya wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, wathi,

3. Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambé phambi kwakho ngokunyaniseka nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Watsho uHezekiya isililo esikhulu.

4. Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya, lisithi,

5. Yiya uthi kuHezekiya, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho. Uyabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka.

6. Ndiya kukuhlangula wena naló mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi.

7. Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, ukuba úya kulenza uYehova elo lizwi alithethileyo.

8. Uyabona, ndiyasibuyisa isithunzi sezinyuko, esehláyo esinyukweni sika-Ahazi ngelanga, ndisibuyisa umva izinyuko ezilishumi. Labuya ke ilanga izinyuko ezilishumi ezinyukweni elibe lihlile ngazo.

9. Umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, oko ebesifa, waza waphila:

10. Ndathi mna, yakubon' ukuba ithe cwaka imihla yam, mandimke ndiye emasangweni elabafileyo;Ndivelelwe, ndayihluthwa eseleyo iminyaka yam.

11. Ndathi, Andiyi kumbona uYa, uYa ezweni labaphilileyo;Andiyi kuba samkhangela umntu, ndikubemi belabangasekhoyo.

12. Umnquba wam uza kuncothulwa, ufuduswe umke kum, njengentente yomalusi;Ndibusongile njengomluki ubomi bam; únditsheca ezintsingeni.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.

13. Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wénjenjalo ukuwaphula onke amathambo am.Ùya kundigqibela ngosuku olunye.

14. Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza,Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu:Yehova, ndifingekile, ndímele.

15. Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wénza nokwenza?Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 38