Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 37:8-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe.

9. Weva kusithiwa ngoTiraka ukumkani wakwaKushi, Uphumile esiza kulwa nawe. Weva ke, wathumela abathunywa kuHezekiya esithi,

10. Notsho kuHezekiya ukumkani wakwaYuda ukuthi, Makangakulukuhli uThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.

11. Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; ùya kuhlangulwa na ke wena?

12. Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisáyo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare?

13. Úphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?

14. Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova.

15. Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi,

16. Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.

17. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo.

18. Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo;

19. babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengèthixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke.

20. Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sísindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.

21. Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Útsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.

22. Lilo eli ilizwi alithethayo uYehova ngaye, Intombi eyintombi uZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi uYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.

23. Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo ùmphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

24. Ùyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawúle imisedare* yayo emide kakhulu nemisipres* yayo enyuliweyo; ndifiké kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

25. Ndimbé, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa.

26. Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 37