Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Útsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.