Ukumkani waseAsiriya wasusa uRabheshake eLakishe, ukuba aye eYerusalem kukumkani uHezekiya, enempi enzima. Wafika wema emjelweni wechibi lasentla, ongasemendweni wentsimi yomsuki weengubo.