Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 36:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngomnyaka weshumi elinesiné wokumkani uHezekiya, kwenyuka uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi yakwaYuda enqatyisiweyo, wayithimba.

2. Ukumkani waseAsiriya wasusa uRabheshake eLakishe, ukuba aye eYerusalem kukumkani uHezekiya, enempi enzima. Wafika wema emjelweni wechibi lasentla, ongasemendweni wentsimi yomsuki weengubo.

3. Kwaphuma kwaya kuye uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.

4. Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?

5. Ndithi mna, lilizwi lomlomo wodwa iqhinga lakho nobugorha bakho bemfazwe; okungoku ke ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?

6. Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, ingene esandleni sakhe, imhlabe; únjalo uFaro ukumkani weYiputa kubo bonke abakholse ngaye.

7. Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uzigánga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 36