Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 29:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo.

10. Ngokuba uYehova uthulule phezu kwenu umoya wobuthongo obukhulu, wawabopha amehlo enu, abaprofeti; nabaziintloko benu, iimboni zenu, uzigubungele.

11. Kuni umbono weento zonke ubé njengamazwi encwadi etywiniweyo, abathi bayinike okwaziyo ukuyifunda, besithi, Khawulese apha; athi, Ndikhohliwe, kuba itywiniwe;

12. incwadi inikwe ongakwaziyo ukuyifunda, kuthiwe, Khawulese apha; athi, Andikwazi ukuyifunda incwadi.

13. Yathi iNkosi, Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisele kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa:

14. ngako oko, yabona, ndiya kuphinda ndibaphathe aba bantu ngokubalulekileyo, kubaluleke, kumangaliseke; butshone ubulumko bezilumko zabo, isithele ingqondo yeengqondi zabo.

15. Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo; bathi, Ngubani na osibonayo? ngubani na osaziyo?

16. Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?

17. Awusemncinane na umzuzwana, ukuze iLebhanon ibuye ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 29