Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 27:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera* nezithixo zelanga.

10. Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso.

11. Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.

12. Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo,* ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli.

13. Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 27