Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 27:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye.

5. Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.

6. Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo.

7. Úmbethé ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi úbulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na?

8. Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga.

9. Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera* nezithixo zelanga.

10. Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso.

11. Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.

12. Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo,* ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 27