Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 25:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenzé imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso.

2. Ngokuba umzi uwenzé walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungàkhiwa naphakade.

3. Ngenxa yoko baya kukuzukisa abantu abanengcwangu, ikoyike imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 25