Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 24:7-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo.

8. Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi.

9. Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo.

10. Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingàngenwa mntu.

11. Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphelé kwathi tu imihlali yehlabathi.

12. Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi.

13. Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya.

14. Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi,

15. Ngenxa yoko, kuzisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle.

16. Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo.

17. Ùfikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi.

18. Kuya kuthi, othe walibaleka ilizwi elinkwantyisayo, eyele emgongxweni; othe wenyuka waphuma emgongxweni, abanjiswe sisibatha; ngokuba iingcango zaphezulu zivulekile, zanyikima iziseko zehlabathi.

19. Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlaathi njengenxila;

20. liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke.

21. Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini;

22. bahlanganiswe bahlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 24