Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo.