17. Ùfikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi.
18. Kuya kuthi, othe walibaleka ilizwi elinkwantyisayo, eyele emgongxweni; othe wenyuka waphuma emgongxweni, abanjiswe sisibatha; ngokuba iingcango zaphezulu zivulekile, zanyikima iziseko zehlabathi.
19. Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlaathi njengenxila;
20. liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke.
21. Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini;
22. bahlanganiswe bahlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi.