Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 24:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphelé kwathi tu imihlali yehlabathi.

12. Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi.

13. Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya.

14. Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi,

15. Ngenxa yoko, kuzisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle.

16. Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo.

17. Ùfikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 24