Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 19:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.

3. Wóthiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndilingìnye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumzelayo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;

4. ndiwavìngcele amaYiputa ngesandla senkosi esilukhuni, alawulwe ngukumkani onengcwangu; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

5. Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo;

6. zinuke izibhaxa zawo, iwuthe itshe imijelo yoMnayile waseYiputa, zishwabane iingcongolo nemikhanzi.

7. Iintili ezingakuMnayile, ngasechwebeni loMnayile, nento yonke ehlwayelweyo, iya koma, iphetshethwe ingabikho.

8. Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi.

9. Baya kudana abasebenzi beflakisi* echazwayo, nabaluki belinen emhlophe;

10. zithiwe vithivithi iintsika zalo, ube buhlungu umphefumlo wabo bonke abasebenzela umvuzo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 19