Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 19:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningáthini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?

12. Ziphi na, ziphi na ke izilumko zakho? Mazikuxèlele kaloku, ziyazi into ayicebileyo uYehova wemikhosi ngeYiputa.

13. Bazizimathane abathetheli baseTsohan, balukuhliwe abathetheli baseNofu; bayilahlekisile iYiputa abayimbombo yezizwe zayo.

14. UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayihlahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.

15. IYiputa ayiyi kuba nasenzo isenzayo intloko kwanomsila, isebe lesundu nomzí womlambo,

16. Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.

17. Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.

18. Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres.*

19. Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo.

20. Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule.

21. UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 19