Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 12:2-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.

3. Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;

4. nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.

5. Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enzé ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.

6. Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 12