kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50
  51. 51
  52. 52
  53. 53
  54. 54
  55. 55
  56. 56
  57. 57
  58. 58
  59. 59
  60. 60
  61. 61
  62. 62
  63. 63
  64. 64
  65. 65
  66. 66

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Iingoma zombulelo

1. Ùya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.

2. Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.

3. Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;

4. nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.

5. Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enzé ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.

6. Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli.