Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 12:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ùya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.

2. Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.

3. Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;

4. nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.

5. Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enzé ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 12