Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 9:13-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe.

14. Bánike, Yehova; wòbanika ntoni na? Bánike isisu esiphumayo, namabele awomileyo.

15. Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa.

16. Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo.

17. UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 9