kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Unqulo-zithixo lukaSirayeli nesohlwayo salo

1. Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam.

2. Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli.

3. Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele.

4. Bamisé ookumkani, bengaveli kum; benzé abathetheli, ndingàzi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenzé izithixo, ukuze inqanyulwe.

5. Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa?

6. Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, àliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari.

7. Ngokuba behlwayelé umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini.

8. Úginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo.

9. Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izithandane.

10. Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli.

11. Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona.

12. Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento.

13. Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke àyakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa.

14. Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wákha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde.