Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 12:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo.

4. Wazamana naso isithunywa, wafeza, walila, watarhuzisa kuso; samfumana eBheteli, apho ke sasithetha nathi.

5. UYehova, uThixo wemikhosi, uYehova sisikhumbuzo sakhe.

6. Wena ke, buyela kuThixo wakho; gcina inceba nokusesikweni, uhlale uthembele kuThixo wakho.

7. Úngumrhwebi ophethe isikali* senkohliso, uthanda ukucudisa.

8. Wathi uEfrayim, Noko ndisisityebi, ndizifumanele ubutyebi; yonke imigushanxa yam ayindizuzisanga bugwenxa busisono.

9. Kanti mna ndinguYehova, uThixo wakho nje, kwasezweni laseYiputa; ndisaya kukubeka ezintenteni, njengokwemihla yomthendeleko.

10. Ndithethé kubaprofeti, ndandisa imibono mna, ndenza imizekeliso ngezandla zabaprofeti.

11. Ukuba iGiliyadi ilishinitshini, yoba yinto engento kuphela. Babingelela iinkomo eGiligali; izibingelelo zabo nazo zoba njengeemfumba zamatye emiqeleni yesisimi.

12. UYakobi wabalekela ezweni lakwa-Aram,* uSirayeli wakhonza ngenxa yomfazi, wagcina imihlambi ngenxa yomfazi.

13. UYehova wamnyusa uSirayeli eYiputa ngomprofeti ke, wagcinwa ngomprofeti ke.

14. UEfrayim uqumbise kakrakra; iNkosi yakhe iya kuwaphosa amagazi akhe phezu kwakhe, isibuyisele kuye isingcikivo sakhe.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 12