Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 10:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?

4. Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.

5. Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.

6. Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi;* uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.

7. Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.

8. Izigánga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.

9. Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wóna; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha.

10. Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.

11. UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela.

12. Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa.

13. Nalima okungendawo, navuna ubugqwetha, nadla iziqhamo zobuxoki; kuba wakholosa ngendlela yakho, ngobuninzi bamagorha akho.

14. Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 10