Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhoseya 1:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBheri, ngemihla kaUziya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda; ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli.

2. Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuzé kakhulu, lemka kuYehova.

3. Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.

4. UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.

5. Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli.

6. Waphinda wakhawula, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane; ngokuba andiyi kuba saphinda ndiyenzele mfesane indlu kaSirayeli, ndingàbaxoleli nokubaxolela.

7. Ndiya kuyenzela imfesane ke indlu kaYuda, ndibasindise ngoYehova uThixo wabo, ndingabasindisi ngasaphetha, nangakrele, nangamfazwe, ngamahashe, nangabamahashe.

8. Akumlumla ke uAkenzelwanga-mfesane, wakhawula wazala unyana.

funda isahluko epheleleyo Uhoseya 1