kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukubulawa kwabanquli-zithixo eYerusalem

1. Wabiza ngelizwi elikhulu ezindlebeni zam, esithi, Sondelani, baveleli bomzi, elowo ephethe ngesandla izixhobo zakhe zokutshabalalisa.

2. Nanko ke, kusiza amadoda amathandathu ngendlela yesango eliphezulu, elikhangele entla, iyileyo iphethe ngesandla izixhobo zayo zokuhlekeza; kukho indoda phakathi kwawo eyambethe ilinen emhlophe, inezinto zokubhala ethangéni layo; eza ke ema ecaleni kwesibingelelo sobhedu.

3. Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini* obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu.Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangéni layo.

4. Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcumayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.

5. Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningàbacongi.

6. Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.

7. Wathi ke kuwo, Yénzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.

8. Kwathi, xa ababulalayo, ndiséle mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?

9. Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova àkaboni.

10. Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.

11. Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangéni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenzé njengoko ubundiwisele umthetho ngako.