kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Umzekeliso wamaxhalanga amabini nomdiliya, nentsingiselo yawo

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, jika iqhina, uzekelise ngomzekeliso kwindlu kaSirayeli, uthi,

3. Itsho iNkosi uYehova ukuthi: Ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, elintsiba zolukileyo, eliboya buqhamileyo, buchokochoko, leza eLebhanon, lathabatha amantloko omsedare.*

4. Laqhawula eliphezulu emahlamvini awo, lalisa ezweni lakwaKanan, lalimisa emzini wabarhwebi.

5. Lacaphula embewini yelo zwe, layifaka entsimini ehlwayelwayo, layithabatha layisa kumanzi amaninzi, layimisa ngokomngculuba.

6. Yahluma, yaba ngumdiliya onabileyo, omfuphi, ukuze amasebe awo asinge kulo, neengcambu zawo zibe phantsi kwalo; waba ngumdiliya ke, wenza amasebe, waqhama amagqabi.

7. Kwabakho elinye ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, linoboya obuninzi. Nango lo mdiliya unabela ngakulo ngeengcambu zawo, ugobela ngakulo amasebe awo, ukuba liwanyele ezindimeni otyelwe kuzo.

8. Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.

9. Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wómila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?

10. Yabona, khona utyelwe, wómila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Úya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.

11. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12. Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabása kuye eBhabheli.

13. Wathabatha owasembeweni yokumkani, wanqophisana naye, wamfungisa; wathabatha iinjengele zelizwe elo;

14. ukuze bube bubukumkani obuphantsi, ukuze bungàziphakamisi, ukuze awugcine umnqophiso wakhe, ukuze ume wona.

15. Wasuka ke wagwillika kuye ngokuthuma abathunywa bakhe eYiputa, ukuze anikwe amahashe nabantu abaninzi. Wóba nempumelelo na? Wósinda na owenze loo nto? Wówaphula umnqophiso, asinde na ke?

16. Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, endaweni yokumkani owamenza ukumkani, osifungo asidelileyo, omnqophiso awaphuleyo, úya kufela kuyo, esazulwini seBhabheli.

17. UFaro akayi kumnceda ngampi inkulu nangasikhungu sikhulu emfazweni, kwakùfunjwa udonga lokungqinga, kwakhiwe inqaba zokubonisela; ukuze inqunyulwe imiphefumlo emininzi.

18. Ekubeni esidelile isifungo, ukuba awaphule umnqophiso, yabona, uniké isandla sakhe, waza noko wenza zonke ezi zinto; akayi kusinda.

19. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, isifungo sam asidelileyo, nomnqophiso wam awaphuleyo, ndiya kumnika entlokweni yakhe.

20. Ndowutwabulula phezu kwakhe umnatha wam, abanjiswe ngumgibe wam, ndimse eBhabheli, ndimangalelane naye khona ngenxa yomenezo lwakhe, andimenezele ngalo.

21. Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nàzi ukuba mna Yehova ndithethile.

22. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndiya kuthabatha ke ihlamvu emantloko omsedare omde, ndilimise; emahlamvini awo aphezulu ndiya kuqhawula elithambileyo, ndilityale mna entabeni ephakamileyo, ende.

23. Ndiya kulityala ke entabeni ende yakwaSirayeli, linyuse amasebe, lixakathe iziqhamo, libe ngumsedare ongowona unguwo, zihlale phantsi kwawo zonke iintaka zeentlobo ngeentlobo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo.

24. Iya kwazi yonke imithi yasendle, ukuba mna Yehova ndiwuthobile umthi ophakamileyo, ndiwuphakamisile umthi omfuphi; ndiwomisile umthi omanzi, ndiwuqhamisile umthi owomileyo. Mna Yehova ndithethile, ndenza.