4. Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo.
5. Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.
6. Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kùde nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunalá.
7. Wandisa ke ekungeneni kwentendelezo; ndabona, nango umngxuma eludongeni.
8. Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni. Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango.
9. Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.