Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 8:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Nabo ke bukhona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli, bunjengombono endawubonayo entilini leyo.

5. Wathi kum, Nyana womntu, khawuphakamise amehlo akho, ukhangele ngasentla. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela ngasentla: nanko ngasentla kwesango lesibingelelo kukho loo mfanekiso wobukhwele usekungeneni kwalo.

6. Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kùde nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunalá.

7. Wandisa ke ekungeneni kwentendelezo; ndabona, nango umngxuma eludongeni.

8. Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni. Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango.

9. Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 8