Wathi kum, Nyana womntu, uyakubona na abakwenzayo? Ngamasikizi amakhulu la, iwenzayo apha indlu kaSirayeli, ukuze ndikhwelele kùde nengcwele yam; usaya kubuya ubone amasikizi amakhulu kunalá.