Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 16:50-61 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko.

51. NoSamari akonanga ngokwesiqingatha sezono zakho; waye wena uwandisile amasikizi akho ngaphezu kwakhe, wabenza amalungisa odade benu, ngamasikizi akho owenzileyo.

52. Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenzé baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.

53. Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo;

54. ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele.

55. Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili.

56. ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho;

57. zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram* nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke.

58. Amanyala akho namasikizi akho uwathwele; utsho uYehova.

59. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndènza ke kuwe njengoko wenzé ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.

60. Ndiya kuwukhumbula mna umnqophiso wam nawe ngemihla yobuncinane bakho, ndikumìsele umnqophiso ongunaphakade.

61. Wòzikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe; ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 16