Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenzé baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.