Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon:*

2. Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika;Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka,Wázise phakathi kweminyaka;Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.

3. UThixo uza evela kwaTeman,OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.)Igubungele amazulu indili yakhe,Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.

4. Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya;Yimithi emacaleni akhe;Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.

5. Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa,Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.

6. Úmi, walishukumisa ihlabathi;Úkhangele, wazishukumisa iintlanga;Zaba nkumenkume iintaba zanini,Zasibekeka iinduli zasephakadeni;Iindlela zakhe yena zisephakadeni.

7. Ndiboné iintente zakwaKushan zisenkathazweni;Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.

8. Yabe iyimilambo na, Yehova,Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho?Yabe ilulwandle, kusini na,Owaphuphumela lona umsindo wakho,Ukuze nje ukhwele emahasheni akho,Ezinqwelweni zakho zokusindisa?

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 3