Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhabhakuki 2:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.

2. Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo.

3. Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angàthethi wona amanga; ukuba úthe wazilazila, wulinde, kuba úya kuza, awuyi kubuya umva.

4. Yabona, úgxalathelene, àwuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.

5. Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, engàneliswa, koko ezihlanganisela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.

funda isahluko epheleleyo Uhabhakuki 2