Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 8:20-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.

21. Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke.

22. Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo.

23. Sazila ukudla ke, samkhunga ngenxa yoko uThixo wethu, wathandazeka sithi.

24. Ndahlula kubathetheli bababingeleli ishumi elinababini, ngaphandle koSherebhiya, noHashabhiya, neshumi labazalwana babo;

25. ndayilinganisela kubo isilivere, negolide, nempahla, umrhumo wendlu kaThixo wethu, abawurhumayo ukumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bakhe, namaSirayeli onke awayekho apho.

26. Ndalinganisela esandleni sabo amakhulu amathandathu anamanci mahlanu eetalente zesilivere,* nekhulu leetalente zeempahla zesilivere, nekhulu leetalente zegolide;*

27. namashumi amabini eendebe zegolide ziliwaka leedarike,* neempahla ezimbini zobhedu olubengezela kakuhle, zinqweneleka njengegolide.

28. Ndathi kubo, Ningcwele kuYehova, iimpahla zingcwele; negolide nesilivere zingumnikelo wabaqhutywa yintliziyo, kuYehova, uThixo wooyihlo;

29. phaphani, nizigcine, nide nizilinganisele phambi kwabathetheli bababingeleli, nabaLevi, nabathetheli bezindlu zooyise zamaSirayeli, eYerusalem, emagumbini endlu kaYehova.

30. Ababingeleli nabaLevi bawamkela ke umlinganiso wesilivere negolide nempahla, ukuba bawuzise eYerusalem endlwini yoThixo wethu.

31. Saza sanduluka emlanjeni ongumAhava ngomhla weshumi elinesibini wenyanga yokuqala, ukuba size eYerusalem; isandla soThixo wethu saba phezu kwethu, sasihlangula esandleni seentshaba nesabasilaleleyo endleleni.

32. Safika eYerusalem, sahlala khona iintsuku zantathu.

33. Ngomhla wesiné yalinganiselwa isilivere negolide neempahla, endlwini yoThixo wethu, esandleni sikaMeremoti unyana kaUriya, umbingeleli, enoElazare unyana kaPinehasi, benoYozabhadi unyana kaYeshuwa, noNowadiya unyana kaBhinwi, abaLevi;

34. zanikelwa ngokwenani ngokulinganiselwa kwezinto zonke; konke ukulinganiselwa kwabhalwa ngelo xesha.

35. Oonyana basemfudusweni, abo babephume ekuthinjweni, basondeza amadini anyukayo kuThixo kaSirayeli: iinkunzi ezintsha zeenkomo zalishumi elinambini, ngenxa yamaSirayeli onke, neenkunzi zeegusha zamashumi asithoba anantandathu, neemvana zamashumi asixhenxe anesixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono zalishumi elinambini; zonke zaba lidini elinyukayo kuYehova.

funda isahluko epheleleyo Uezra 8