Testamente Endala

Testamente Entsha

Uezra 3:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Basizinzisa isibingelelo endaweni yaso; ngokuba beboyikiswe zizizwe zala mazwe. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, amadini anyukayo akusasa nawangokuhlwa.

4. Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo.

5. Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

6. Baqala ngowokuqala umhla wenyanga yesixhenxe, baqala banyusa amadini anyukayo kuYehova; itempile kaYehova ibe ingekasekwa.

7. Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare* eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.

8. Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.

funda isahluko epheleleyo Uezra 3