Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 9:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ngenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo), ngomhla weshumi elinesithathu kuyo, ekwakuthe kwafika ukwenziwa kwelizwi lokumkani nomthetho wakhe, ngomhla ebezilindele iintshaba zamaYuda ukuwaphatha ngegunya, kwaguqulwa oko, amaYuda aba ngawo aziphatha iintshaba zawo ngegunya.

2. Abizelana ndawonye amaYuda emizini yawo, emazweni onke kakumkani u Ahaswerosi, ukuba abasé isandla abo babefuna ukuwenza okubi; akwema mntu ebusweni bawo, ngokuba izizwe zonke zafikelwa kukunkwantya.

3. Bonke abathetheli bamazwe, neerhuluneli, namabamba, nabasebenzi bokumkani, bawanceda amaYuda; ngokuba babengenelwe kukoyika uMordekayi.

4. Kuba uMordekayi ebemkhulu endlwini yokumkani, udaba lwakhe lwaya emazweni onke; kuba indoda leyo inguMordekayi yaya iba nkulu ngokuba nkulu.

5. Azoyisa ke amaYuda ezo ntshaba zawo zonke ngekrele, nangokubulala, nangokutshabalalisa, enza ngokuzithandela kwâbo babewathiyile.

6. EShushan komkhulu amaYuda abulala, atshabalalisa, amakhulu amahlanu amadoda.

7. UParshandata, noDalefon, noAspata,

8. noPorata, noAdaliya, noAridata,

9. noParmashta, noArisayi, noAridayi, noVayezata,

10. oonyana abalishumi bakaHaman unyana kaHamedata, umbandezeli wamaYuda, ababulala; ke amaxhoba akawachukumisanga.

11. Ngaloo mini inani lababulawelwa eShushan komkhulu laziswa phambi kokumkani.

12. Wathi ukumkani kuEstere ukumkanikazi, EShushan komkhulu amaYuda abulele atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda, noonyana abalishumi bakaHaman; kwamanye amazwe okumkani kobeka phi na? Ùcela ntoni na? woyinikwa; ùsafuna ntoni na? woyenzelwa.

13. Wathi uEstere, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makanikwe amaYuda aseShushan nangomso ukwenza ngokomthetho wale mini; noonyana abalishumi bakaHaman mabaxhonywe emthini.

14. Wathi ukumkani, Makwenjiwe njalo. Kwawiswa ke umthetho eShushan, kwaxhonywa oonyana abalishumi bakaHaman.

15. Abizelana ndawonye amaYuda aseShushan nangomhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, abulala eShushan amakhulu amathathu amadoda; amaxhoba akawachukumisanga.

funda isahluko epheleleyo Uestere 9