Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 5:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. ukuba ndithe ndababalwa ngukumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani ukundinika endikucelayo, nokundenzela ukuthandaza kwam, makeze ukumkani noHaman esidlweni, endiya kubenzela sona, ndenze ngomso ngokwelizwi lokumkani.

9. Waphuma uHaman ngaloo mini evuya, enentliziyo echwayithileyo.Ke uthe uHaman, akumbona uMordekayi esangweni lokumkani, engavuki, engashukumi phambi kwakhe, uHaman wazala ngumsindo ngoMordekayi.

10. Ke uHaman wazibamba, waya endlwini yakhe; wathumela wabiza izithandane zakhe, noZereshe umkakhe.

11. UHaman wababalisela ubuqaqawuli bobutyebi bakhe, nobuninzi boonyana bakhe, nako konke ukwenziwa mkhulu kwakhe ngukumkani, nokuphakanyiswa kwakhe phezu kwabathetheli babakhonzi bokumkani.

12. Wathi uHaman, Ngaphezu koko, uEstere ukumkanikazi akangenisanga bani nokumkani esidlweni abesenzile, yaba ndim ndedwa; kananjalo ngomso undimemele kuye nokumkani.

funda isahluko epheleleyo Uestere 5