Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 5:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ngomhla wesithathu, uEstere wambatha ezobukumkanikazi, wema entendelezweni engaphakathi yendlu yokumkani, malungana nendlu yokumkani. Waye ukumkani ehleli etroneni yobukumkani bakhe endlwini yobukumkani, malunga nomnyango wendlu.

2. Kwathi, ukumkani akumbona uEstere ukumkanikazi emi entendelezweni, wambabala; ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide ebisesandleni sakhe. Wasondela ke uEstere, waphatha encamini yentonga leyo.

3. Wathi ukumkani kuye, Ùnandawoni na, kumkanikazi Estere? ùfuna ntoni na? woyinikwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.

4. Wathi uEstere, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makeze ukumkani noHaman namhla esidlweni endimenzele sona.

5. Wathi ukumkani, Mngxamiseni uHaman, ukuba enze ngokwelizwi likaEstere. Weza ukumkani noHaman esidlweni abesenzile uEstere.

6. Wathi ukumkani kuEstere esidlweni sewayini, Ùcela ntoni na? woyinikwa; ùfuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.

7. Waphendula uEstere, wathi, Kúko oku ukucela kwam nokuthandaza kwam:

8. ukuba ndithe ndababalwa ngukumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani ukundinika endikucelayo, nokundenzela ukuthandaza kwam, makeze ukumkani noHaman esidlweni, endiya kubenzela sona, ndenze ngomso ngokwelizwi lokumkani.

funda isahluko epheleleyo Uestere 5