Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 4:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Zeza ke iimpelesi zikaEstere namathenwa akwakhe, amxelela. Wamana ezibhijabhija ukumkanikazi, ebuhlungu, wathumela iingubo zokumambesa uMordekayi, zisuswe kuye ezirhwexayo; àkazamkela.

5. UEstere wabiza uHataki wakumathenwa okumkani, obemiswe ukuba amlungisele, wamwisela umthetho kuMordekayi, ukuba azi ukuba kutheni na, kungani na.

6. Waphuma uHataki, waya kuMordekayi endaweni yembutho yomzi, ebiphambi kwesango lokumkani.

7. UMordekayi wamxelela konke okumhleleyo, wamcacisela inani lemali, abethe uHaman, uya kulilinganisela ebutyebini bokumkani ngenxa yamaYuda, ukuba atshatyalaliswe.

8. Wamnika nencwadi leyo yomthetho obuwiswe eShushan wokuwatshabalalisa, ukuze ayibonise uEstere, amxelele, amwisele umthetho wokuba aye kukumkani, atarhuzise kuye, athandazele abantu bakowabo ebusweni bakhe.

9. Weza uHataki, wamxelela uEstere amazwi kaMordekayi.

10. Wathetha uEstere kuHataki, wamwisela umthetho kuMordekayi, esithi,

11. Bonke abakhonzi bokumkani, nabantu bamazwe okumkani, bayazi ukuba umntu, noyindoda noyinkazana, othe waya kukumkani entendelezweni engaphakathi, engabizwanga, mnye umthetho wakhe, ngowokuba abulawe; ngulowo yedwa, athe ukumkani wamolulela intonga yakhe yegolide, owothi aphile; ke mna andibizwanga ukuba ndiye kukumkani le mihla imashumi mathathu.

funda isahluko epheleleyo Uestere 4